RETINA LOGO Informer
Tuesday, March 10, 2026
spot_imgspot_imgspot_imgspot_img

Top 5 This Week

Related Posts

Bakhululwe nge bheyile ye R3000 abongikazi ababhalise imali yesibonelelo ngobuqhetseba

Bakhululwe nge bheyile yama khulu amathathu umntu ngamnye amanina amane atyholwa ngoku bhalisa abantwana abangekhoyo ababizwa “iimbombozi” ngengonjo zokufumana imali yesibonelelo ngobuqhetseba.
U- Gladys Ntlawuzana Komboyi (48), Nwabisa Precious Godlwana (36), Mantshangase Abigail Godlwana (59) kunye noGcobisa Godlwana (22) bajamelene nezityholo zobuqhetseba norhwaphilizo. Phakathi kwabo kukho abongikazi ababini abasebenza kwisibhedlele iBambisana eLusikisiki nesibini sasekuhlaleni.
Esi sine sabanjwe eFlagstaff naseMbizana libutho leHawks.
Ityala limiselwe umhla ka 9 kwinyanga ezayo.
No tags for this post.

Relating to the Post

Popular Articles

Enable Notifications OK No thanks