Community
Trending

IZIBONELELO ZIKARHULUMENTE YIYONA NDLELA INGCONO YOKULWA NENDLAL , KUTSHO UPROF.FRIEDMAN

Ukunikwa kwabantu abahluphekileyo izibonelelo kubonakala kuyeyona Ndlela ingcono engasetyenziswa ngurhulumente ukulwa nendlala okwangoku. Oku kuthethwe ngumhlalutyi wezopolitiko wedyunivesithi yase Johannersburg uProfessor Steven Friedman ngethuba edlana indlelbe nelijelo lendaba ngentsasa yanamhlanje.

UFriedman ubephefumla nangentetho yoMphathiswa omtsha wezemali uEnoch Godongwana nothe yena ukhetha ukutyala imali enintsi ekuveliseni amathuba amaninzi emisebenzi kunoku khupha izizboneleleo. “ icebo makuvulwe amathuba engqesho kunokugcina ulutsha luxhomekeke kwisibonelelo sika rhulumente. Ukunika ulutsha izizbonelelo kungagcina ulutsha luxhomekeke kwisibonelelo sika rhulumente, kunokuba bavulelwe amathuba amesebenzi azokwenza ukuba bazimele.
Yena uProfessor Freedman uthi akho bungqina bokuba ukufakwa kwabantu abatsha kwisibonelelo sika rhulumente kwenza babe ngaba xhomekeke kwi nkamnkam. “Isibonelelo sika rhulumente asenzelwanga ukuvala umsantsa phakathi kwabantu abahluphekayo naba khomba ngophakathi. Abantu xabene mali bazithabathela izigqibo zabo ngokuba benzani ngemali” utshilo oka Freedman.

Ngabantu abatsha abangapha komyinge wamashumi amahlanu ekhulwini abangaphangeliyo nabangekho kumabakala oku fumana izakhono zokuba baqesheke kwelilizwe. Oku kubangela ukuba abantu abatsha bazifumane bebandakanyeka kwiziganeko zolwaphulo mthetho. Oka Freedman uthi umzantsi Afrika udinga ukuveza amathuba emisebenzi ukuqinisekisa ukuba abantu bathabatha inxaxheba kwezomnotho.

“Ukunika abantu imali akuthethi ukuba bathabatha inxaxheba kwezo qoqosho. Inkamnkam yenza abantu bakwazi ukuxhasa intsapho zabo. Ebunyanisweni ukuvula amathuba emisebenzi kungancedisa ulutsha norhulumente. Kwilixa elidlulileyo ubufuamana ingabantu abadala ekumele baphangele ezimayini. Inkamnkam incedisa kuphuhliso loluntu ngakumbi emakhaya a hlelelekileyo” utshilo uFreedman.

Relating to the Post

Related Articles

Back to top button
Enable Notifications OK No thanks