KWENZEKE NTONI IZILWANYANA ZAZALA OOSINGABANTU
Bayabuza abantu ukuba ingaba ilizwe liya ekupheleni na?
Baxakene nento abahlali kwidolophu yaseMatatiele kunye naseLusikisiki emva kokuba izilwanyana zasekhaya zithe zazala amatakane amile okomntu.
Kutsha nje abantu baseMcobothini kwingingqi yakuJokazi phaya kuMasipala wasekuhlaleni Ingquza hill kwidolophu yaseLusikisiki ibhokwe izale usingamntu. Esisiganeko sithe senzeka naphaya kwilali.yaseSemonkong aPabalong nalapho igusha ithe yazala itakane elingusingamntu.
Ibhokhwe yaseMcobithini ithe yazala itakana elifana twatse nomntu. Iphepha ndaba elidigital iEClive ikhuphe ingxelo yokuba lomkhuba ukhe wenzeka kwenye yeelali zaseLibode kwabhaqwa ibhokhwe inetakana elineempawu zomntu.
Eli takane alinaboya, apha ebusweni linempumlo namehlo womntu, kodwa zona iindlebe imilenze yeyebhokhwe. Apha entloko inoboyana nje obuncinci. Ingaba mhlawumbi kukho Mamboyi uthile othe wazenzela inkonzo yasekamereni kule bhokhwe okanye yindalo nje kaThixo?
Okwangoku bekungekavakali ukuba le bhokhwe kuzakwenzeka ntoni ngayo. Nathi silijelo losasazo i-Eastern Cape Daily News sizamile ukunxibelelana nomnini bhokhwe kodwa lo malinge awe phantsi.
Abantu babuza ngelithi ingaba ubudlwenu bezilwanyana obudlangileyo kutsha nje kuko okwenza iziphumo eziloluhlobo? Okanye ingaba sekufike ukuphela kwelizwe?
No tags for this post.