UBUYELE KWISIKHUNDLA SAKHE UMBEDLA
Uphinde wabuyela kwisikhundla sakhe uSiyabulela Mbedla kuMasipala waseMatatiele nobesele egqibe iminyaka emibini ehlukene naso. Kwiveki ephelileyo uMbedla uye waziswa kuluntu lwaseMatatiele emva kokuba kuthe kwathunyelwa imiyalezo koonondaba nakwi khasi lika facebook lakwamasipla kusithiwa ungumanejala wesebe lenkonzo zoluntu (Community Services) sebe elo asele elikhokele iminyaka elishumi yonke.
Ukubuyela kuka Mbedla kwesiskhundla akubangalula nanjengoko ubemkhulu umlo kwezopolitiko uqhekeza phakathi nkqu iANC kwakunye namaqela aphikisayo. Enye yentlanganiso zesigqeba yaphela seyinguqulukubhode nalapho usihlalo wecouncil u Nonzwakazi Ngwanya wanyanzelisa ukuba makavotise oceba ukuba ngubani omakaqeshwe kukho uMbedla ophume isibini kudliwano ndlebe kwakunye nalowo owaphuma wangowokuqala uAbongile Ganya.
Kullombhodamo amaqela aphikisayo ayesithi makuqeshwe uAbongile Ganya nanje ngoko engowokuqala kuluhlu lwabaphumelele udliwanondlebe behambisana phofu nabanye ooceba be ANC. Elinye iqela nelalikhokhelwa nguMayor uSonwabile Mngenela lalihamba nokuba kuqeshwe uMbedla ongowesibini.
IANC yaphindela kwingxoxo (Caucus) nalapho baxelelwa ngu Thandekile Sabisa nolilungu lesigqeba sephondo leANC osebenza eAlfred Nzo ukuba bangakhe balinge bamqeshe uGwanya ongowokuqala kuluhlu lwabaphumeleleyo. (Zivele uSabisa ezithethela) Emva koko kunyanzele ke ukuba kuyokwenziwa isaziso emaphepheni (advert) nokwenze ukuba kubekho olunye udliwano ndlebe nolukhokelele ekubeni uMbedla abe uyaqeshwa.
Ukanti naye uGanya akakhange ayiyeke nje le nyewe kuba ubonakele ezinkudleni nalapho waphumelela ebethat ebhulela amasaka umasipala nekungoku nje kulindeleke ukuba ahlawule indleko zenkundla eziqikelelwa phaya kwigidi serandi.
Amaqela aphikisayo athi kuyabonakala ukuba esiskhundla senkozno zoluntu (Community Services) kulomasipala sakhelwa uMbedla. UWonga Potwana weDA nobonakala eliliva elibuhlungu koceba beANC kulomasipala uthe ukulwa kwe ANC iminyaka emibini yonke ifuna ukuba kuzongena yena ibonakalisa mhlophe ukuba esikhundla senzelwe yena. Oku ngumnqa ke kukuba sele kusele iminyaka emibini qwaba ukuze iphele iminyaka yakhe yokusebenza nanjengoko enamashumi amahlanu anesibhozo eminyaka. Oku kuthetha ukuthi kusele iminyaka emibini qwaba ukuba athathe umhlala phantsi”, utshilo uPotwana.
Ukanti nayo iEconomic Freedom Fighters ithe ayihambisani nokuqeshwa kukaMbedla nanjengoko engazange aphumelele udliwano ndlebe. Usihlalo walombutho eAlfred Nzo uMawande Magadla uthe uMbedla uthethelelwa kuba ekwicala leANC elinamandla (powerful faction) nto leyo ebonakalisa ukuba akekho omnye umntu ongaze aqashwe kwesikhundla uMbedla esekhona”.
UMbedla uzakuthatha iminyaka emihlanu yesithathu ngoku kwesikhundla sinye. Ephendula kwimbono ezithi esisikhundla sakhelwe yena uthe akwaziyo yena kukuba uthathe inxaxheba kwinqubo evulelekileyo yokufuna abantu abanezakhono zesiskhundla. Uthe akayazi eyokuba isisgqeba solawulo sike salwa ngenxa yokuba isiskhundla kufuneke sithathwe nguye. Umbedla uqhube udliwanondlebe neinforme ekwiofisi yomninawa wakhe obesakuba ngumeya kuledolophu uMomelezi Mbedla navumileyo ukuba usebenzela kuyo ngoku.
No tags for this post.