KUBI KWAMZONGWANA AMADODA ALALA PHANDLE NGENXA YEZIGEBENGA EZIBULALA ABANTU
SEKUSWELEKE AMABINI KULEVEKI NJE KUPHELA EDUTYULWA,AXHAXHWE, ATSHISWE KANTI AMAKHOSIKAZI AMABINI ASESIBHEDLELA
Abahlali belali yakwaMzongwana kwidolophu yaseMatatiele Kwiphondo leMpuma Koloni abasalali emizini yabo emva kokubulalwa kwabantu kelendawo iinstuku zilanedelana. Ingexelo zithi abantu babulawa ngamadoda aziwayo kulendawo nazixelele ukuba akukho nto ingenziwa kulendawo ngaphandle kwawo. Indoda yokuqala isweleke kabuhlu ngecawe esiphuma kuyo emva kokuba ixhaxhwe ibe zizijunqe ze yayakufakwa endlini yatshiswa.Konke oku kwenziwe phambi kwabantwana nomfazi wayo. Ingxelo iqhuba ithi kudlule usuku olunye kwaza kwabulawa omnye ekucingeleka ukuba ubekhona ngethuba kubulawa indoda yokuqala.
Kubusuku esivuka kubo kuthiwa amadoda akhabe ucango kumzi wendoda ebulewe kuqala kulayitwe ikhandlela kwazakwadutyulwa amakhosikazi amabini ebeze kukhunga. Lamakhosikazi mabini aleqiswe esibhedlela enamanxeba okudutyulwa emzimbeni, akwaziwa ukuba iyakuzala nkomoni na.
Ukanti intlanganiso ebizama ukwakha uxolo namhlanje ayizanga nasisombululo kuba abantu bebesithi kungcono baziphindisele. Kungoku nje akwaziwa ukuba ngubani ongavuka ebulewe. Informer incokole nomnye umhlali owaziwa ngelikaSbushwana othi yena akasalali endlini. Uthe lamadoda abalala bantu kulelali uyawazi yaye afuna ukumbulala naye. Uthi yena wayazi into yokuba uzakubulawa emva kokuba lamadoda axelele unyana wakhe ukuba afuna ukumbulala.
Uqhuba athi nalo osweleke kuqala bekuxelelwe abantwana bakhe ukuba uzakubulawa. “lento uye kuyixela emapoliseni nalapho athe ukuba angabulawa zekwaziwe ukuba ngubani ombuleleyo. Nam ndilibuzile ipolisa ngexesha kuyiwe kwindawo yexhwayelo ukuba uyayibona na into ebithethwa ngumfi suka wayiyayaza. Bayaziwa abantu ingxaki amapolisa akafuni tu ukubamba abantu ekudala sabaxela emapoliseni. Ngoku asazi ukuba sakuya phi na xasikhatywa ngumthetho utshilo uSbushwana. Uthe ukhona omnye olala emaplazini ngenxo yokoyikisela ubomi bakhe kuba naye uyafunwa.Ukwathe Nkqu nonkosi wendawo useluhlwini lokuba angabulawa.
Oku kungqiniwe nguNkosi wendawo uNkosi Ndabezitha Makhoba esith uyayazi naye ukuba useluhlwini lokuba angabulawa ngababafana. Uthe Akukho apho azoya khona kungcono bambulelele phaya emzini wakhe. “Noba ndingabalekela phi xa befuna ukundi bulala bangandibulala. Kungcono ke bazondibulalela apha kwam. Ndiyacinga ukuba uNduku ubulawele ukuba enolwazi oluninzi ngezenzo zalamadoda abulalayo. Ephefumla ngomcimbi wamapolisa uthe kudala bawaxelela amapolisa ngalento yaye mapolisa la ayabazi ababulali nabaphembi bodushe kulelali”, utshilo uMakhoba.
Ukanti umphathi wamapolisa kulengingqi yaseAlfred Nzo uNompumelelo Majikijela uwavikele amapolisa wakhe esithi ayasebenza suka watyhola abahlali ngokungancedisi ekulweni ubukrelemnqa.