KUPHANTSE KWABETHWANA NGABAFUYI KUFANISO LWEMFUYO ESKITI EMATATIELE
Kuphantse kwavuka umlo onzima phakathi kwabafuyi ngethuba kuzofaniswa iinkomo ezilahlekileyo nezifunyenwe ezintabeni eziphakathi kweLesotho neMatatiele ngolwesihlanu. Intsusa mabandla kukutyholana kwabafuyi bebanga inkomo, omnye esithi yeyam nomnye esithi yeyakhe. Omnye wabafuyi uNonceba Ngoma ubhaqe inkomo yakhe elithokazi suka kwavela uKgaota esithi lenkomo yeyakhe watshintshisa ngayo komnye umzi. Kuthe kusenjalo kwavela indoda yalomzi awubalayo iphikisa ngelithi “Kgaota akuyiyo lenkomo owatshintshisa ngayo ekhaya le”. Kulapho ke kusuke uthuthuva amadoda efuna esiqwini kuKhaota de wazotsalwa ngumakhelwane wakhe.
Abafuyi baqonde kumakhelwane lo wakhe bebuza ngelithi umtsala njani befuna ukuqonda ngenkomo zabo. Kusinde kancinci ukuba kunukiselwane ngamakhwapha sekuphuma nezithuko ezithi futsekhi kodwa baphinde banqandana kwabodwa.
Lombhodamo wanamhlanje ulandela emva kokuba inkokheli zikaOperation Dudula, nezikaMasifunisane namajoni namapolisa efumene iinkomo kwintaba eziphakathi kweMatatiele kunye neLesotho ngoMvulo esisuka kuye.
Kudliwano ndlebe ngomvulu oyinkokheli ka operation Dudula uthe kulandela intlanganiso ebibanjwe ngabafuyi abalahlekelweyo ze bagqiba kwelokuba makubekhona ugqogqa owenziwayo naphaya ezintabeni kufunwa ezinkomo. “Ngokwenene siszifumene iinkomo ezingaphaya kumakhulu amabini nezinye zazo zither zafaniswa ngabanikazi bazo. Zifumaneke Kanye ezintabeni nalapho abo bebezigadile bathe babaleka. Ezishiyekileyo nesele zingaphaya kwekhulu zigcinwe kwisikiti sase Matatiele.
Ngolwesihlanu lo ekuphantse kwavela umlo baliqela abantu abagaleleke bezofanisa iinkomo. Ababafuyi bebesuka kwidolophi ngedolophu zeli. Ukufaniswa kuyekwenziwa phantsi kwamapolisa nalapho ubani ebechaza ukuba ityala lokulahlekelwa lavulwa kwesiphi isikhululo samapolisa ukuze kuqinisekiswe ukuba zizo ngokwenene.
No tags for this post.