Crime

KUTHIWA WALIPHEKA LAVUTHWA ELOKUBULALA INDODA YAKHE UVUYELWA EMATATIELE

SAMKRWITSHA WABE UMFAZI WAKHE EMTSALA UBUDODA DE WAZITHUMA PHAMBI KOKUBA AFE –LITSHILO INGQINA LICHAZA NGOKUFA KUKA GCOBANI NYOKANA

Bagwetywe ubomi  entolongweni  uVuyelwa Balawesi oneminyaka engamashumi amane anesithandathu kunye nesinqanda mathe sakhe u Siyanda Majola oneminyaka engamashumi amabini ananye emva kokufunyanwa benetyala lokubulla umyeni kaBalawesi uGcobani Nyokana obeneminyaka engamashumi amahlanu anethoba ubudala.

Esisibini ebesithandana sabulala uNyokana ngomhla we 13 June 2022 emveni kokuba betye imali engange R12 000 ebeyithunyelwe ngumyeni wakhe ukuba athenge iigusha. Baye babanjwa ngomhla we 18 June 2022 emveni kokuba umtshana ka Gcobani eya waxelela amapolisa ukuba ngu Siyanda kunye no Vuyelwa ababulele u Gcobani.

Ngexesha liphekwa lisophulwa ngemibuzo inqina lombuso ngumtshutshisi liye laxelela inkundla ngokwenzeke ngosuku lokubulawa Nyokani.

“Kwathi xa ndifika ekhaya ndivela esikolweni ubhuti wandinikeza imfonomfono esithi kunomntu ofuna ukuthetha nam, nyani ndayithatha imfonomfono ndasabela kwabe kuthetha  UVuyelwa esithi ucela siye kwakhe sinobhuti siyomncedisa kukhona into edinga amandla. Siye saya kwakhe xasifika uhleli nenye intombazana encinane endifunda nayo e Magadla SSS bapheke isonka, umrhanelwa wesibini waye wasixelela ukuba njengoba esibizile ufuna sizomncedisa bulala umyeni wakhe olele kwenye indlu. Ngeloxesha wayesele emtshixele ngaphakathi.  Intombazana iye yasikhokhela saya kulendlu ilele uGcobani, wavula sangena uVuyelwa waqala wabetha uGcobani ngepani yokupheka (frying pan) entloko emane ebuza umfi ubethelwani wenzeni, kuthe ekuhambeni kwexesha sambopha ngentambo emqaleni samkrwitsha ngeloxesha uVuyelwa wabe yena emtsala ubudoda bakhe. Kuye kwabonakala ukuba akade abhubhe ndaye ndakhupha umtya wejezi ebendiyinxibile ndanikeza u Siyanda ukuba adibanise nentambo ebesiyisebenzisa ekuzameni ukubulala uGcobani, eneneni uye wasweleka emizuzwini embalwa.

“U Vuyelwa uye waqoqosha izinto ezi ebesizesebenzisa wacoca nelindle likamfi eliye laphuma ngexesha esweleka. Sabuyela kwindlu ebekuphekwe kuyo isonka apho besiyokwakha khona iyelenqe. Yelenqe elo elithi uVuyelwa kunye nentombazana bazakuthatha imbiza yesonka baye nayo kulendlu yomfi bafike bazothuse bawise isonka batsho isikhalo, mna nomrhanelwa wokuqala sizivalele kulendlu epheke isonka de kufike abahlali. Ngokwenene liye laphumelela eloyelenqe bafika abahlali kunye namapolisa,” litsho ingqina.

Inkundla ivumelene nomtshotshisi wetyala u Chumile Mkentane  ukuba esisibini simbulele u Gcobani  kuba bephethwe kukunyoluka befuna ukutya imali yomhlalaphatsi ka Gcobani nanjengoko ebesele eshiyekelwe ngunyaka ayeke ukuphangela e Rhawutini. Ngexesha kuqala ukuqulwa ityala aba babini baxelela inkundla ukuba abantyala yaye beveza ubungqina book. Umtshitshisi  uMkhetntane wabuhlakaza obobungqina babo.

Ukwenzeka kwesisihelegu kwilali yasekhrolweni abafazi baphuma ngendlu ukuya benyanzelisa inkundla ukuba aba bangaze baphume entolongweni. Ngokwenene kubenjalo.

No tags for this post.

Relating to the Post

Related Articles

Back to top button
Enable Notifications OK No thanks