UBOTSHWE EMNWENI UMFANA WEZIYOBISI EMVA KODUBULO LWANGOMGQIBELO KWIRANK YEBHASI EMATATIELE
“Unganditsho tata kodwa luzakufa luphele ulutsha lwaseMatatiele ziziyobisi”, utshilo umfana obethetha neInformer emva kokudutyulwa kusweleke indoda kwirank yeebhasi kwakuledolophu. Lomfana esingenakumbiza ngagama ophuma kwenye yezilali zaseMatatiele ukwangumthengisi wazo eziziyobisi. Uthe yena ungumthengisi wazo yaye lo oswelekileyo ibingumlungu wakhe.
“Singabafanyana abalishumi elinesithandathu abebethengisela yena. Kuyanyanzeleka sicashaphe qho emva kosuku okanye iintsuku ezimbini. Eyona nto ihamba kakhulu yi Woonga kunye necrystal meth. Umntu uyakwazi ukwenza iwaka lerandi nangaphezulu ngemini.
“ Yhoo ooboss bethu apha ngamadoda amakhulu ndikuxelele. Nditsho mna amadoda ahlonitshwayo nqu namapolisa akulento”, uqhube watsho umfana omncinci. Uthi yiyo nalento bangenaxhala lakubanjwa ngoba amanye sicashapha kuwo amanye ahlawulwa ngooboss aba bethu”
Jonga jonga tata ndikuxelel amanye amapolisa anabantwana ababhatalelwa imalizesikolo ngoBoss bethu abanye bakhelwa imizi njalonjalo”, utshilo lomntwana kubonakala nje ukuba uthetha into ayaziyo. Uthe siyamazi nalo odubulileyo kodwa ngekhe sitsho. Uthi nento abaxabana ngayo siyayazi kodwa ngeke ndikuxelele. Kodwa ndingase ndithi eyona nto ixabanisayo exhaphakileyo kukuthathelana imihlaba yokuthengisa.
Amapolisa akungqinile ukuba ukudutyulwa kwalendoda ngomgqibelo kwibus yerank kuyanyaniswa nokuthengiswa kweziyobisi. Kuthiwa amapolisa afumene nesinyamfu semali kwipokotho zakhe ekungaziwa ke noba ibiyeyoku qhuba isithuthi esihamba ekapa okanye yeyeziyobisi.
Kudliwano ndlebe neInformer Digital TV ngo 2021 abafana ababizwa ngamaphara nabahlala emva kwesakhiwo sakwaRhino eMatatiele bakungqina ukuba amapolisa ayabandakanyeka ekuthengisweni kweziyobisi. Yaye ke umfana lo uthe udubulwano kuseyimpi yabathengisi sithetha nje. Kwinyanga kaAugust kuphela mathathu amadoda adutyuliweyo kulomlo.
Kufunyenwe ingxelo zokuba phaya eRamohlakoana kukho umzimba wendoda efumaneke idutyuliwe ngaseMapateng ngaseMangcwabeni kulwesine esisuka kuye. Ukanti ngomhla wama29 July kwafunyanwa omnye enamanxeba amathathu okudutyulwa. Omnye naye oneminyaka engam25 ufunyenwe edutyulwe kwaseRamohlakoana.
Ukanti phaya eArea C kwasweleka abantu abane kwinyanga ka May no June kuphela ekuquka phakathi kwabo umqhubi weTaxi kunye nomntu ongumama. Nalapho iyanyaniswa neziyobisi.
Ukanti isithethi samapolisa ephondo leMpuma Koloni uWarrant Officer Majola Nkohli Uthe amapolisa afunyanwa enxamnye nomthetho ayabanjwa de amanye agxothwe emsebenzini. Manintsi ke amapolisa afunyenwe ekulomeko nalapha eMpuma Koloni aza agwetywa amanye agxothwa. “Umlo wokuthengiswa kweziyobisi ungoyiswa xa kungakho intsebenziswano nabantu. Abantu ke akunyanzelekanga ukuba baziwe ukuba bangobani xabe xela ukuthengiswa kweziyobisi. Ukuba ubani unezizathu ezibambekayo zokuba ipolisa lithengisa iziyobisi okanye linobudlelwane nabathengisi beziyobisi mabatsalele umnxeba 0860010111. Awuzuchaza gama lakho yaye ngekhe uye nasezinkundleni uyonika ubungqina”, utshilo uW/O Nkohli
No tags for this post.