Crime

Ukuphika alale ngomhlana uMofota ukuba waxhwila umfazi wakhe emsa esuthwini ngetshova.

Iziphike yema ngonyawo olunye indoda yaphaya eZingonyameni eTlokoeng kwiphondo leMpuma Koloni izityholo zokuba yaqweqwedisa umfazi wayo imnyanzela ukuba aye kwisikolo solwaluko.

UMofota Letele oneminyaka engama 56 uthi unkosikazi wakhe uMankopane Letele ona 52 waziyela ngenyawo zakhe ebhomeni labafazi. UMofota ukuthethe oku enkundleni yamatyala eTlokoeng nanje ngoko esenza isicelo sebail kwezizthyolo ajongene nzao.

“Unkosikazi wam ndavumelana naye ukuba aye kwisikolo sokwaluka waze ke waziyela ngokwakhe ebhomeni. Eyokuqweqwedisa andiyazi” kutsho uMofota ethetha ngegqwetha lakhe enkundleni. Ingxelo zithi uMofota uziqinele ezingxelo zakhe ude amane ephazamisa negqwetha elo lakhe kugqibele kuthetha yena.

Umtshutshisi yena akafuni ngebail phantsi kwezizathu zokuba ityala eli linobuzaza. Inkundla ixelelwe ukuba uMofota lo nohlonitshwa kakhulu elalini yakhe, ekwangumnini zitaxi wagaleleka emzini wakhe ngobusuku ehamba negquba lamakhosikazi azifihle ubuso.

Barhuqa uMankopane ongu nkosikazi kaMofota ngenkani bayakumfaka ekhumbini kaMofota eyayime phambi kwendlu. Iyonke lomrhuqo kuthiwa kwakuncedisa uMofota lo.

Kuthiwa waqhuba ikhumbi yakhe bayokufika naye ebhomeni lamantombazana nalapho kothuka abaphathi bebhoma. UMankopane wasisndiswa ngabazukulwana bakhe ngokuthi batsalele umnxeba kumapolisa aseTlokoeng nathi akhawuleza ayakufika ebhomeni.

Akuva amapolisa ethetha ngaphandle kwebhoma wakhala uMankopane ekhwaza amapolisa ukuba amkhuphe kulendawo. Amthatha amapolisa aya nanye kwisikhululo samapolisa nalapho wafika wavula khona ityala.

Isicelo sebheyile sizakuqhubeka kwakhona ngomhla wesibhozo apha kuJanuary.

 

No tags for this post.

Relating to the Post

Related Articles

Back to top button
Enable Notifications OK No thanks