INGCWATYWE INAMALUNGU OMZIMBA ANGAPHELELANGA INKWENKWANA YAKWAMASAKALA EMATATIELE

Ungcwatywe unamalungu angaphelelelanga umzimba wenkwenkwana yakwaMasakala eMatatiele kwiphondo iMpuma Koloni kulolwesihlanu. Umzimba lo ufunyenwe sele ungasekho kwimpelaveki esiphuma kuyo. Ukhululekani Sigwebela oneminyaka emine ubudala ulahleke kwikhaya lakhe kwaMasakala isithuba senyanga yonke. Ukulahleka kwakhe ibingumhla wesine KuApril esiphuma kuye.
Amapolisa nezinja zawo kunye nabahlali bakhangele bade banikezela kuba bengafumani mkhondo. Ingxelo zithi kwimpela veki ephelileyo kuviwe ngabazingeli ukuba kukho umzimba womntana ongasekhoyo kwifama yakwaMatshemla kude kufuphi naseMasakala. Esinye isihlobo sichazele informer ukuba umntana ufunyenwe enamalungu omzimba angaphelelanga. Uchaze ukuba umlenze nesandla kunye nezitho zangasese bezingekho kunye nentloko ibisusiwe kuye kodwa isecaleni kwakhe. “Kuye kwanyanzeleka ukuba umzimba ungcwatywe unamalungu engaphelelanga enjalo kulo lwesihlanu”, sitshilo isishlobo nesingathandanga kubizwa ngagama.
Uyise womntana uvakalise intlungu engumangaliso yokuswelekelwa ngumntana ngohlobo olukhohlakele ngoluhlobo. Uthe kodwa kunjalo baxolile kuba bengcwabile kuba eyonanto Ibiza kubaphatha kakubi kukuba kungafumaneki nethambo eli lakhe. Uthe uKhulelakani ibingumntwana wesibini kubantwana abathathu. Amapolisa asaqhuba uphando.
No tags for this post.