Iqela leSekhukhune United linethuba elikhulu lokunyukela kwiTop 2 yeDStv Premiership xa lijongene neOrlando Pirates namhlanje emalanga kwibala iPeter Mokaba Stadium. Lo mdlalo uza kuqalisa ngecala emva kwentsimbi yesithathu emva kwemini, kwaye kulindeleke ukuba ube ngumdlalo onika udlwabevu lomdla.
ISekhukhune United, eqeqeshwa nguCoach Eric Tinkler nowakhe waqeqesha iOrlando Pirates iza kulo mdlalo inomdla wokugxotha iPirates kwindawo yesibini kuluhlu lwamanqaku.Eliqela line-25 points, logama iOrlando Pirates ina-28 points.
ISekhukhune inabadlali abanamava nabaphambili, kuquka uLebohang Phiri obuye phesheya, uKeletso Makgalwa, no Thabang Monare kwakunye noLinda Mntambo ababefudula benxiba isikipa seOrlando Pirates, ntoleyo enika lo mdlalo umdla owongezelelekileyo.
Kwelinye icala, iOrlando Pirates (Amabhakaniya) iza kulo mdlalo ikwimeko entle, ngakumbi emva kokubuya kwabadlali ababalulekileyo abafana noNkosinathi Sibisi ,Olisah Ndah kunye no Thabiso Sesane, abebekhe baphumla ngenxa yokonzakala. Ukubuya kwabo kunokomeleza ukhuseleko lweqela kwaye kunike iPirates ithemba lokugqitha kwiqela le Sundowns
Phakathi kwala maqela mabini kukhona iKaizer Chiefs, ena-27 points, nto leyo eyenza ukuba lo mdlalo ube nefuthe elikhulu kwitafile yamanqaku. Kusasele umbuzo omkhulu wokuba Amakhosi aza konwabela yiphi impumelelo — ngaba yiSekhukhune okanye yiOrlando Pirates ? nanjengoko iziphumo zalo mdlalo zinokuchaphazela ngqo indawo yawo kuluhlu.
Ngokubanzi, lo mdlalo ulindeleke ukuba ube ngowemfazwe, uzaliswe sisantya, amava, kunye nomnqweno wokuphumelela. Abalandeli bebhola ekhatywayo balindele umdlalo onika umdla nowothusayo ePeter Mokaba namhlanje.
No tags for this post.















