RETINA LOGO Informer
Saturday, April 18, 2026
spot_imgspot_imgspot_imgspot_img

Top 5 This Week

Related Posts

ISIKHALO SOMZALI NGONYANA WAKHE OMKE NOLWANDLE E COFFEE BAY

Yiveki yesibini le kodwa awukafunyanwa umzimba kaSithembiso Nqineka (34) welali yaseZididi eMqanduli, emva kokumka nolwandle eCoffee Bay ngentsasa yangecawa umhla wokuqala kule nyanga.

“Siyacela bethuna ukuba kungaphelelwa apha eCoffee Bay ukukhangelwa komntwana wam. Iziphathamandla maziye nakwamanye amalwandle akafuphi anje ngooCwebhe, nooPort St Johns, neeHole in the Wall, njalo njalo” ubongoza esitsho uZanele Kati, nongumama kaSithembiso.

“Nangona intliziyo yam ibuhlungu ngokushiywa ngunyana wam ngoluhlobo, kodwa ke ndiyakwamkela. Kodwa besendicela nje ukubona umzimba wakhe, ndizixolise ukuba ngenene uThixo umthathile uSithembiso.”
ULiziwe Nqineka, nongumakazi kaSithembiso, uthi le ntlekele yenzeke ngethuba uSithembiso engena emanzini neetshomi zakhe ezintathu apho eCoffee Bay.

“Abafana ebebehamba naye bathi uSthembiso ufike phaya elunxwemeni wakhulula wabeka impahla zakhe phezu kwesiqobo ebesikufuphi namanzi, wangena wadada, elele ngomqolo. Edada nje uye engena ngokungena elwandle, ebhekela kude. Bathe bakuyibona otshomi bakhe lento boyika, babalekela ngaselunxwemeni.

“Bamgqibele ngoko ke ukumbona uSithembiso,kanti kukutshona kwakhe oko”, utsho umakazi.

Osisithethi se National Sea Rescue Institute umbutho wohlangulo lwabantu elwandle, uCraig Lambinon uthi nabo bayasazi esisiganeko.

“Iqela lethu leeLife Guards apho eCoffee Bay belingekho ngethuba kusenzeka lento, kodwa liye laxelelwa kufuphi emva kwesisiganeko, kwabizwa namapolisa utshilo uLambinon.

“Kuqalwe iphulo lokukhangela kwangaloo mini. Iinzame zethu ziye zabandakanya amapolisa ahamba nezinja, ne Helicopter ebijikeleza phezu kwendawo ezingaselunxwemeni ikhangela. Kwiziganeko ezinje siye sincediswe nangabahlali.”

Esabela kwisikhalo somzali kaSithembiso sokuba iphulo lokukhangela linwenwiselwe kwezinye iindawo ezikufuphi ne Coffee Bay, uLambinon uthi ngelishwa akwenziwa njalo. Uthi into abayenzileyo kukuthumela iinkcukacha ngesisiganeko kuzo zonke iindawo eziselunxwemeni ephondweni ukuya kutsho nasePort Alfred. Ukanti oomatiloshe nabalobi bentlanzi zaselwandle nabo baxelelwe.

ULambinon uthi iphulo lokukhangela liyaqhubeka nananmhlanje nangona engatshongo ukuba lizakuphela nini. Ukanti namhlanje ingxelo zithi ibutho lamapolisa elisebenza ngezinja laseMthatha lisendleleni eya eCoffee Bay ngeliya kuncedisa kulomsebenzi.

Nabani othe waqaphela nto, okanye othe wawubona umzimba uyacelwa ukuba aqhagamshelane namapolisa kulenombolo 10111.

No tags for this post.

Relating to the Post

Popular Articles

Enable Notifications OK No thanks