
Umaspala wasekuhlaleni Umzimvubu kwiphondo leMpuma Koloni uthe gqolo ukuqhumisa uthuli etshintsha iimpilo zabantu balendawo. Kwinyanga ephelileyo usodolophu walomaspala uCllr uSobane Mnukwa wamkelwe ngamayeye ngabahlali baseward 25 kwilali yaseMnxekazi ngethuba ezokwenza isiboniso sokulayitwa kombane kulendawo. Ukuza kwakhe usodolophu kulelali kukubonakalisa ukuqiniseka kwalomaspala ekuziseni iinkonzo zombane kubantu bonke baseMzimvubu. Le projekthi ethe yabizwa ngoMnxekazi izakwenza ukuba abantu belali ezine zonke bakwazi ukukhanyiseleka ngombane nasemva kwexesha elide belinde emnyameni. Ukanti ukufakelwa kwalombane uphela kuthe kwaxabisa isigidi esinamawaka asibhozo eerandi, R1,8 Million ngelamangesi.
Ephawula uSodolophu uMnukwa uvakalise imincili kukufakelwa kombane kulendawo. Uthe uMasipala waseMzimvubu usazakuqhuba ngamandla uqinisekisa ukuba uphuhliso luya kumntu wonke phantsi kwaloMasipala. “Siyacela ke kuni bantu balendawo ukuba niwuphathe kakuhle lombane zeningathi xa ninomsindo wenye into nidilize le sininika yona ngoku”, uthsilo uMnukwa.
Ukanti kwelinye icala umphathi wenkampani yofakelo mbane uEskom, uNkosazana Vuyi Gwana ulumnkise abahlali ngobungozi bombane. “Umbane uyingozi kakhulu, xakulayitwa okokuqala noba kulayitwa kweyiphi na indawo. Ndibanemincili kodwa ndiphinde kwangaxeshanye ndibenoloyiko. Eqhuba esithi ze abantu balapha baqinisekise ukuba abadlaleli embaneni kwaphela, “nditsho nonqwenela umhlaba ongaphantsi kweentambo zombane kuba ewubona umhle okanye esazi nto ithile ngawo ze angakhi kuloondawo kuba mhla ungase uqhawuke okanye wonzakale lombani kungabhubha wonke ubani ongaphakathi kwezozindlu nkqu nemfuyo engaphandle eyadini na kakade,” utshilo uGwana.
Obebulelela abahlali uNkosikazi Francis Madinda Mdanyana uvakalise wathi lide kona ixesha benyamezele kodwa namhlanje kunga bangabantwana abagqiba kuzalwa, kuba kaloku ubomi babo buguqulwe. Umbulelo ongazenzisiyo uwudlulisile kumasipala esitsho esithi ze umasipala enze ngohlobo nakwabanye.
Kwakulenyanga iphelileyo UMeya uMnukwa uphathelele kwaward 13 kwilali yaseNtlabeni nalapho athe wanikezela ngeholo yoluntu. Leholo nethiywe ngenkosi yalendawo uVulindlela izakuthi isetyenziswe ngabahlali bonke baleward nanjengoko iyeyokuqala kwiward iphela.
Umsebenzi wokwenziwa kwaleholo uphelele uthe waxabisa imali engaphaya kwesigidi esinamawaka alithoba erandi R1, 9 Million ngolwasemzini. Ukwakhiwa kweholo kukwavule amathuba emisebenzi alishumi elinesibini kubahlali balapha ikwaxhamlise oosomashishini abancinci nabakwasuka kulelali.
Ephawula uSodolophu walomasipala uCeba Sobane Mnukwa uthe abantu balendawo banganecebo lokuzenzela imali ngokuthi baqeshise ngayo leholo. Uthe kungenziwa kweliholo imitshato, iziznto zolonwabo, iinkonzo nezinye iziznto. Ucele wadomboza ukuba iholo iphathwe kakuhle kuba kunganzima ukwakhiwa kwenye xa abahlali benoku yilimaza.