Kukhangeleka ngathi uyala ukuphuma ephungulelweni uCllr Sobane Mnukwa nonguMayor womasipala uMzimvubu kwiphondo leMpuma Koloni. Oku kulandela intetho ethe yenziwa ngulo kaMnukwa kwindaba zikamabonakude kwiveki ephelileyo. Kwintetho yakhe uthe abamkelekanga abantu baseKwaZulu Natal ukuzothenga kwidolophu zaseMzimvubu. Lentetho ithe yenza umsindo kubantu abaninzi nkqu namalungu eANC echaza lentetho njenge bubuyatha yaye enobuhlanga. Ngomvulo waleveki uCllr Mnukwa uthe walahlwa kwesinomhlwa nangumasipala wakhe usithi wona ukude le kwintetho athe eyenziwe nguloMayor.
“Umasipala Umzimvubu awuhambisani nentetho eyenziwe nguMayor kuba ayingomgaqo walomaspila. Lentetho inobuzaza bokudala iyantlukwano nengakhokelela kubuhlanga bengingqi kurhulumente wentando yesininzi. Siyavelana nawo onke amashishini athe afumana ukonakaliswa kwelilizwe”, utshilo uFlorida Ngonyolo kuxwebhu alukhuphele oonondaba egameni likamasipala.
“Ibhunga lalomasipala lixhasa ushishino oluvulelekileyo yaye lukhuthaza abantu balendawo ukuba bamkele bonke abantu abasuka kwindawo ngendawo zelilizwe. Masiphinde sithathe elithuba sibulele abemi baseMzimvubu ngokungathathi nxaxheba kumgushuzo obusenzeka kutsha nje”,ugqibezele ngelitshoyo uNgonyolo.
Kwelinye icala uCllr Mnukwa uxolisile ngentetho ayenzileyo. Kuxwebhu alukhuphele oonondaba uMnukwa uthe yena Cllr Sobane Mnukwa uyazisola ngentetho ayenze kudliwano ndlebe neSABC kwimpelaveki esiphuma kuyo. “Ndifumene ukuba intetho yam icaphukise abantu abaninzi beli loMzantsi Afrika. Lentetho ibonwe njengento eyakha ubuhlanga nto leyo engahambisani nomaspala.
Uthe kufikile kuye ukuba intetho enje ngale ayichaphazelanga umaspala amsebenzelayo nje kuphela koko nombutho wakhe iANC. “Kungenxa yezozizathu Kanye ezenza ukuba ndixolise ngokungazenzisiyo kubantu baseMzantsi Afrika . Ndikwadlulisa novelwano kwabo bathe bachaphazeleka ngulombhodamo obusenzeka. Umzimvubu uvuleleke nakubani na ukuba angenza ushishino kulengingqi kuba lilungelo lomntu wonke”, utshilo uMnukwa.
Lentetho kaMnukwa ivuse umnyele kwamanye amalungu eAnC nakuluntu nje lukhumbula ukuba uMayor lo ukhe wasematheni kunyaka ophelileyo ngokuthi awise imoto kamaspala ngexesha leLock down sigigaba eso singeka gqitywa nokuphandwa ngumaspala. Kwakulonyaka kusekho esinye isigigaba sokutshayiswa kwemoto kamaspala ekhona evela eKwaZulu Natal. Kungako kuvakale abanye besithi akafuni ukuphuma ezindabeni, yaye uyayingcolisa iANC bememezela nokuba makashiye isikhundla sobumeya.