BAKHALA ESIMANTSHIYANE NGOKUBEKWA KUKAMEHLOMAKHULU NJENGOSIHLALO WECOUNCIL
Umbutho wolutsha lweAfrican National Congress kunye nombutho ophikisayo kwezopolitiko iEconomic Freedom Fighters bakhala esofelweyo emva kokubekwa kukalowo wayesakuba ngusihlalo we ANC nomeya wamasipala wengingqi iAlfred Nzo njengosihlalo wesigqeba solawulo kulomasipala.
USixolile Mehlomakhulu uye wabekwa njengoSpeaker walecouncil ngolwesibini emva komyalelo wesigqeba sephondo leANC nto leyo iye yazala uhlengahlengiso nakwisigqeba esilawulayo kulomasipala. Umbutho wovukayibambe beANC eAlfred Nzo uvakalise ukungakwamkeli konke konke ukubekwa kukaMehlomakhulu kwesisihlalo sisigqeba sephondo. Kuxwebhu olukhutshelwe amajelo endaba ngulombutho uthe isigqeba sephondo sazi kakuhle ukuba lokaMehlomakhulu uqhuqha ebuyelela ezinkundleni zamatyala emva kokubekwa izityholo zokubetha ngenjongo zokulimaza.
Ulutsha lukwathi uMehlomakhulu ubengusodolophu walomasipala yaye zange azihambele koko wanqunyanyiswa emva kokusebenzisa gwenxa Amandla akhe nalapho waququzelela ukuba unyana wakhe afumane isibonelelo semfundo kamasipala. Baqhuba bathi ubungqina balento yingxelo yesigqeba solawulo kulomasipala kwakunye naleyo yesebe yorhulumente basekhaya nenkokheli zemveli nemayamanisa ncamashi nesisenzo esinuka ukubola.
“Umbutho weANC unesigqibo owasithathayo sokuthi gu bucala kukalowo othe wafunyaniswa enze bugwenxa obubambekayo njengobu. Ithi kelonto ukuhlukumeza ngesini yenye yamatyala achazwa njenganobuzaza yaye simemelela iphondo le ANC ukuba lizibonakalise ukuba likhetha ukuma nexhoba okanye nelungulalo elihlazekileyo. Siyakukhaba ngamandla okukubekwa kukaMehlomakhulu owafunyaniswa ukuba usebenzise Amandla akhe ukutyebisa usapho lwakhe”, lutshilo ulutsha.
Kwakhona umbutho we Economic Freedom Fighters nawo uzeke mzekweni ukhaba ukubekwa kukaMehlomakhulu njengosihlalo weCouncil (Speaker) Kuxwebhu abalukhuphele amajelo endaba iEff ithe uMehlomakhulu yeyona nkokheli ingakwaziyo ukuziphatha. “Phantsi kuka Mehlomakhulu umasipala wavuma uku susa ezincwadini imali eyi R1,4 Billion eyinkcitho engekho mthethweni kamasipala malileyoyo engeyanceda uluntu lwalendawo kwimicimbi yamanzi. USixolile ukwanenkomo ezingamakhulu amathandathu yaye wanika unyana wakhe ibassary kamasipala”, itsho iEFF.
Ukanti nawo umbuthowe DA eAlfred Nzo ugalele esivivaneni uvakalisa ukunyhasha isigqibo sokubekwa kukaMehlomakhulu. UWonga Potwana ongusekela sihlalo uthe lo uSpeaker akanasazela ungumntu nje ongazihoyanga iziznto zabantu. Uthe ngexesha lakhe kuchithwe imali ezizigidi eziyiR440 e ward 18 kodwa ayiphumi manzi. Eward 23 eMzimvubu iproject yamanzi eqale iyi R87M ngoku seyikwi R270M abantu abanamanzi. EWard 23 eFobane eMatatiele iproject yamanzi iqale iyiR86M ngoku sekuyi R306M akukho manzi kunye naseward 7 kwamZongwana apho iproject yamanzi iqale iyiR90M kodwa ngoku seyikhala ko R286M kungekho manzi nalapho.
UPotwana ukwathe isigqeba sase Alfred Nzo sathabatha isigqibo ngo 2018 sokuba uMehlomakhu atyelele eMelika njengoMeya. UMehlomakhulu akazange aye apho kodwa wakwazi ukwenza ibango le R180 000 le S & T. “Inkulumbuso yephondo eMpuma Koloni uOscar Mabuyane akabakhathalelanga abantu beseAlfred Nzo tu”, ugqibezele ngelitshoyo uPotwana. UMehlomakhulu akafumanekanga ukuziphendulela ngalomcimbi.
UMehlomakhulu naye ngathi uthande ukuba nguphuncuka bemphethe kwezopolitiko. Abanintsi bathi makabengathi uyalibhatala ixhwele lakhe bebengakhange bacinge ukuba eliHlubi lingaze liphinde livele kwezopolitiko. Izithonga ebezimlandela kwiminyaka edlulileyo bezibonakalisa mhlophe ukuba zimkhuphela ngaphandle. USixolile Mehlomakhulu wabonakala ngamandla kwezopolitiko ngonyaka ka2011 ngethuba kukho into eyayisaziwa ngonoGate. Ngeloxesha uMehlomakhulu wayehamba nooMaNgcotywa, ooSirhamza nabanye yaye babethe nca kuOscar Mabuyane owayenguNobhala ngeloxesha. Kwicala lolawulo lukamasipala akukho nto incomekayo nanjengoko incwadi zikamasipala bezingantlanga ncam ngokuka mphicothi zincwadi.