Intombi yaseWilo, eMqanduli, eneminyaka engamashumi amathathu (30) izelwe ichukunyiswe kukungaphathwa kakuhle kwentombazana yasekuhlaleni eyazalwa ikhubazekile. Ithe ke yathatha usibalwayo yawa ephepheni, yabhala incwadi esihloko sayo sithi: UTOBHINI.
ULusanda Madikane, nongumbhali wale ncwadi, ungumntwana wokuqala kowabo, ukhulele eMqanduli. Sithetha nje uhlala eFree State eBloemfontein.
Lo kaMadikane uthi incwadi yakhe ibalisa ngabantwana abazalwe bohluka kwabanye (Autistic children).
“Ndingumntu othanda ukubhala andibhali mabali nje, koko ndiye ndichukunyiswe kokwenzekayo kwilizwe nasekuhlaleni. Ndiyathanda ke nokufunda kumakhasi onxibelelwano, ndive ukuba abantu bathetha ngantoni na,” utshilo okaMadikane.
Uthi, uTobhini lo yintombi eza emva kwakhe ngokuzalwa, ekuhlaleni, neyazalwa ikhubazekile.
“UTobhini yena usuke ekuqapheleni kwam ukuba abantwana bayacalulana ngokuba bengaqondi iyantlukwano kwindlela abadalwe ngayo. Ndithathe impilo yakhe (ngemvume yakhe), ndazekelisa ngayo ukufundisa abanye abantwana ngokudalwa wahlukile kunabanye, ukuhlonitshwa kunye namalungelo alinganayo,” utshilo uMadikane.
UMadikane ungumfundi weMasters, ephangela njengeResearch Assistant kwiDyunivesithi yaseFree State.
Uthi incwadi yakhe iyafumaneka ku: www.siyafundaonline.co.za
No tags for this post.















