Community

Umphathiswa ukhala ngababaleka ukutofa okwesibini begonyelwe iCovid 19.

Umphathiswa wezeMpilo kwiPhondo leMpuma Koloni uNomakhosazana Meth uthi uxhalabile ngabantu ababaleka ukutofa okwesibini bekhusela ukosuleleka yi Covid 19. Umphathiswa uMeth ubethetha nonondaba ngethuba enika ingxelo ngenqubo karhulumente yookulwa nokusasazeka kweCoronavirus.

Ngokuka Meth banininzi abantu abafumane isistofu sakwaPfeizer sokuqala baze bangabuyi ukuzofumana isistofu sesibini. Uqhube wathi uyacinga ukuba lento yenziwa bubuxoki obuninzi obuthe ndii ngechiza le Covid 19. Utsho ememelela kuluntu ngelithi mabeze bazogqibezela izitofu zabo ukuze baqiniseke ukuba bakhusela bona nabanye abantu.

Kwelinye icala Umphathiswa wezeMpilo kuzwelonke uJoe Phahlaa uchaze iMpuma Koloni njengephondo elihamba phambili ngamanani abantu abathe bagonywa kuzwelonke. Uthe iMpuma Koloni kungoku nje sele igome abantu abangu 23% xa ithelekiswa namanye amaphondo.
Kusenjalo kukho inkxalabo ngokuhla kwenani labantu ababhalisela ukugonywa, utsho Deputy Director General weseb lezempilo uNicholas Crisp.
Uthe amanani abantu ababhalisela ukugonywa ehle kakhulu kangakuba ngabantu abangamawaka angamashumi amahlanu anesithathu (53000) kuphela ababhalise ukuya kuthi ga kulwesine ophelileyo.
“Amanani aphantsi okubhaklisela ukugoma angashiya ilizwe loMzantsi Africa linengxaki yezitofu ezininzi ezingasebenzanga ngethuba Kanye kukhona izitofu ezininzi ezithengiweyo ngurhulumente.

Kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo urhulumente wamkele amachiza angaphezulu kwezigidi ezilishumi . Ezinye izizgidi ezilishumi kulindeleke ukuba zifike ekupheleni kwenyanga kaAugust, utshilo uCrisp.

Uthe oku kuyaxhalabisa kuba ukugoma oku kuqinisekisa ngokukhusela kuhlaselo lwe wave yesine (Fourth Wave) yeCovid 19 ukutsho. Izakubakhona ifourth wave nangona singazi ukuba nini kungako kufuneke sizikhusele ngokugoma.

Relating to the Post

Related Articles

Back to top button
Enable Notifications OK No thanks